News & events

News

05 August 2022

SABSSM VI in the field

Human Sciences Research Council (HSRC)
SABSSM VI in the field

Abasebenzi abajikelezayo bethu e-HSRC baza kube besengingqini yakho kungekudala! Nantsi impahla eza kube inxitywe ngabasebenzi abajikelezayo kwaye nantsi nendlela iimoto zethu eziza kube ziphawulwe ngayo ngegama leshishini lethu.

Impumelelo yophando lwethu iza kuxhomekeka kuwe, ngoko siyakukhuthaza ukuba uthathe inxaxheba ngokupheleleyo kolu phononongo xa abasebenzi bethu abajikelezelayo befika emzini wakho. Iyure nje enye kwixesha lakho yenza igalelo kuluntu nakwisizwe esisempilweni. Ulwazi oluvela kolu phando luye lwenza igalelo kwiinkonzo ezifumanekayo kunye nendlela zokungenelela ukuza kuthi ga ngoku – ukuba ufuna ukunikezwa kweenkonzo zezempilo eziphuculiweyo eluntwini lwakho, nceda uthathe inxaxheba!

Ngenkcazelo ethe vetshe, yiya kwijelo likaWhatsApp @ 073 505 5078, yiya kwiwebhusayithi yethu ku https://hsrc.ac.za/special-projects/sabssm-vi/ okanye si-imeyilele ku-SABSSMVI@hsrc.ac.za

Human Sciences Research Council (HSRC)

Related Articles